-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
2
|Salmos 97:2|
Ngamafu nesithokothoko ngeenxa zonke kuye, Bubulungisa nokusesikweni ummiso wetrone yakhe.
-
3
|Salmos 97:3|
Kuhamba umlilo phambi kwakhe; Ulenya ababandezeli bakhe ngeenxa zonke.
-
4
|Salmos 97:4|
Ikhanyisa elimiweyo imibane yakhe; Uyabona umhlaba, uzibhija-bhije.
-
5
|Salmos 97:5|
Iintaba zinyibilika njengomthwebeba phambi koYehova, Phambi kweNkosi yehlabathi lonke.
-
6
|Salmos 97:6|
Izulu lixela ubulungisa bakhe, Zilubone uzuko lwakhe zonke izizwe.
-
7
|Salmos 97:7|
Badanile bonke abakhonza umfanekiso oqingqiweyo, Abaqhayisa ngeento ezingento; Bayamnqula bonke oothixo.
-
8
|Salmos 97:8|
Iyeva, iyavuya iZiyon, Ziyagcoba iintombi zakwaYuda, Ngenxa yemigwebo yakho, Yehova.
-
9
|Salmos 97:9|
Ngokuba nguwe, Yehova, Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke; Unyukile kunene ngaphezu koothixo bonke.
-
10
|Salmos 97:10|
Bathandi bakaYehova, kuthiyeni okubi. Umgcini wemiphefumlo yabenceba bakhe Uya kubahlangula esandleni sabangendawo.
-
11
|Salmos 97:11|
Ukukhanya likuhlwayelelwe ilungisa, Novuyo baluhlwayelelwe abantliziyo zithe tye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13