-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Salmos 96:5|
Ngokuba bonke oothixo bezizwe abanto zanto; UYehova yena wenza amazulu.
-
6
|Salmos 96:6|
Yindili nobungangamela phambi kwakhe, Ngamandla nokuhomba engcweleni yakhe.
-
7
|Salmos 96:7|
Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe, Mnikeni uYehova uzuko namandla;
-
8
|Salmos 96:8|
Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe; Thwalani umnikelo, nize ezintendelezweni zakhe.
-
9
|Salmos 96:9|
Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele, Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi.
-
10
|Salmos 96:10|
Yithini ezintlangeni, UYehova ngukumkani, Liya kuzinza ngoko elimiweyo, lingashukumi, Uya kugweba phakathi kwezizwe ngokuthe tye.
-
11
|Salmos 96:11|
Liya kuvuya izulu, Ligcobe ihlabathi; Luya kugquma ulwandle, nenzaliseko yalo.
-
12
|Salmos 96:12|
Liya kudlamka ilizwe, nento yonke ekulo, Ize imemelele yonke imithi yehlathi
-
13
|Salmos 96:13|
Phambi koYehova, ngokuba esiza, Ngokuba esiza kugweba ihlabathi. Uya kuligweba elimiweyo ngobulungisa, Nezizwe ngokunyanisa kwakhe.
-
1
|Salmos 97:1|
UYehova ngukumkani; liyagcoba ihlabathi, Ziyavuya iziqithi ezininzi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13