-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Salmos 101:7|
Akayi kuhlala phakathi kwendlu yam Owenza inkohliso; Othetha ubuxoki akayi kuqina Phambi kwamehlo am.
-
8
|Salmos 101:8|
Imiso ngemiso, ndiya kubabhangisa Bonke abangendawo belizwe, Ukuze ndibanqumle emzini kaYehova Bonke abasebenzi bobutshinga.
-
1
|Salmos 102:1|
Umthandazo wolusizana xa atyhafileyo, ephalaza iinkalazo zakhe phambi koYehova. Yehova, wuve umthandazo wam, Kufike kuwe ukuzibika kwam.
-
2
|Salmos 102:2|
Musa ukubusithelisa ubuso bakho kum ngemini yokubandezelwa kwam, Ndithobele indlebe yakho; Ngemini endidanduluka ngayo khawuleza undiphendule.
-
3
|Salmos 102:3|
Ngokuba iyaphela imihla yam njengomsi; Amathambo am avutha njengeziko.
-
4
|Salmos 102:4|
Ibethwe yoma njengomfuno intliziyo yam, Ngokuba ndilibele nokudla ukudla kwam.
-
5
|Salmos 102:5|
Ngenxa yezwi lokugcuma kwam Amathambo am atshele enyameni yam.
-
6
|Salmos 102:6|
Ndifana nengcwangube yentlango, Ndinjengesikhova sasemanxoweni.
-
7
|Salmos 102:7|
Andilali; Ndinjengentaka eyodwa phezu kwendlu.
-
8
|Salmos 102:8|
Imini yonke ziyandingcikiva iintshaba zam, Abandigezelayo bathuka ngam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13