-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Salmos 102:19|
Ngokuba uqondele, esendaweni yakhe ephezulu engcwele; Wondela ehlabathini esemazulwini uYehova,
-
20
|Salmos 102:20|
Ukuba akuve ukugcuma kwabakhonkxiweyo, Abakhulule oonyana bokufa;
-
21
|Salmos 102:21|
Bancokole eZiyon ngegama likaYehova, Ngendumiso yakhe eYerusalem;
-
22
|Salmos 102:22|
Ekubuthelaneni kwezizwe ndawonye, Nezikumkani, ukuba zikhonze uYehova.
-
23
|Salmos 102:23|
Uwathobile endleleni amandla am, Uyinqamle imihla yam.
-
24
|Salmos 102:24|
Ndithi, Thixo wam, musa ukundisusa phakathi kwemihla yam. Ikwizizukulwana ngezizukulwana iminyaka yakho.
-
25
|Salmos 102:25|
Waliseka kudala ihlabathi; Lisisenzo sezandla zakho izulu.
-
26
|Salmos 102:26|
Ezo zinto ziya kudaka, wena ke ume; Zona zonke ziya konakala njengengubo, Wozigugisa njengesambatho, ziguge;
-
27
|Salmos 102:27|
Ke wena uhleli unguwe, Iminyaka yakho ayinakuphela.
-
28
|Salmos 102:28|
Oonyana babakhonzi bakho baya kuhlala, Imbewu yabo izimaseke phambi kwakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13