-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Salmos 103:21|
Mbongeni uYehova, nonke mikhosi yakhe, Balungiseleli bakhe, benzi bokuthanda kwakhe.
-
22
|Salmos 103:22|
Mbongeni uYehova, nonke zenzo zakhe, Ezindaweni zonke zobukumkani bakhe. Mbonge uYehova, mphefumlo wam.
-
1
|Salmos 104:1|
Mbonge uYehova, mphefumlo wam. Yehova, Thixo wam, umkhulu kakhulu; Wambethe indili nobungangamela.
-
2
|Salmos 104:2|
Ulothi wambu ukukhanya njengengubo. Ulolaneka izulu njengelengalenga lentente;
-
3
|Salmos 104:3|
Ulohlanganisa emanzini imiqadi yamagumbi akhe aphezulu; Ulowenza amafu inqwelo yakhe, Ulohamba ngamaphiko omoya;
-
4
|Salmos 104:4|
Ulowenza izithunywa zakhe imimoya, Abalungiseleli bakhe umlilo olenyayo.
-
5
|Salmos 104:5|
Waliseka ihlabathi phezu kwemimiso yalo, Ukuba lingashukunyiswa naphakade kanaphakade.
-
6
|Salmos 104:6|
Waligubungela ngamanzi anzongonzongo njengesambatho, Ema amanzi phezu kweentaba.
-
7
|Salmos 104:7|
Ekukhalimeni kwakho asaba, Ezwini lendudumo yakho abaleka buphuthuphuthu;
-
8
|Salmos 104:8|
Kwenyuka iintaba, kwehla izihlambo, Aya kuloo ndawo ubuwasekele yona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13