-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Salmos 104:9|
Wamisa umda ukuba angegqithi, Angabuye awugubungele umhlaba.
-
10
|Salmos 104:10|
Ulothuma imithombo iye ezihlanjeni; Ihamba phakathi kweentaba;
-
11
|Salmos 104:11|
Iseza zonke iinyamakazi zasendle; Amaesile asendle aqabula inxano lawo.
-
12
|Salmos 104:12|
Kuhlala phezu kwayo iintaka zezulu, Zitsholoza phakathi kwamasebe;
-
13
|Salmos 104:13|
Uloseza iintaba kumagumbi akhe aphezulu; Uyahlutha umhlaba ziziqhamo zezenzo zakho.
-
14
|Salmos 104:14|
Ulontshulisela iinkomo utyani, Nomfuno wokunceda umntu; Ukuze kuphume isonka emhlabeni.
-
15
|Salmos 104:15|
Iwayini iyivuyise intliziyo yomntu; Bukhazimle ubuso ngeoli, Isonka siyixhase intliziyo yomntu.
-
16
|Salmos 104:16|
Iyahlutha imithi kaYehova, Imisedare yaseLebhanon awayityalayo,
-
17
|Salmos 104:17|
Apho zakhela khona iintaka; Ingwamza, isemisipresini indlu yayo.
-
18
|Salmos 104:18|
Iintaba zona ezo ziphakamileyo zezamagogo, Amawa azimela iimbila.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13