-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Salmos 104:19|
Inyanga wayenzela amaxesha ayo, Ilanga liyakwazi ukutshona kwalo.
-
20
|Salmos 104:20|
Wenza ubumnyama wena, kube sebusuku, Ashukume ngabo onke amarhamncwa ehlathi.
-
21
|Salmos 104:21|
Iingonyama ezintsha zigqumela ukuqwenga, Zifuna ukudla kwazo kuThixo.
-
22
|Salmos 104:22|
Lakuthi chapha ilanga, ziyahlanganisana, Zibuthume ezikhundleni zazo.
-
23
|Salmos 104:23|
Uyaphuma umntu aye emsebenzini wakhe Nasenkonzweni yakhe, ahlwise.
-
24
|Salmos 104:24|
Hayi, ukuba zininzi izenzo zakho, Yehova! Zonke ziphela uzenze ngobululumko; Uzele umhlaba zizidalwa zakho.
-
25
|Salmos 104:25|
Nalo ulwandle lulukhulu, lubanzi ngeenxa zombini; Kulapho kuzinambuzane zingenakubalwa, Ezincinane kwanezikhulu izinto eziphilileyo.
-
26
|Salmos 104:26|
Kulapho kuhamba iinqanawa; Nango umnenga owawubumbela ukudlala kulo.
-
27
|Salmos 104:27|
Zonke ezo nto ziphela zikhangele kuwe, Ukuba uzinike ukudla kwazo ngexesha elililo.
-
28
|Salmos 104:28|
Uyazinika, ziyachola; Uyasivula isandla sakho, ziyahlutha kokulungileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13