-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Salmos 103:11|
Ngokuba injengokuphakama kwezulu phezu komhlaba, Ukuba namandla, inceba yakhe kwabamoyikayo;
-
12
|Salmos 103:12|
Kunjengokuba kude kwempumalanga entshonalanga, Ukulukhwelelisa kwakhe kuthi ukreqo lwethu;
-
13
|Salmos 103:13|
Kunjengokusikwa yimfesane koyise kubantwana, Ukusikwa yimfesane kukaYehova kwabamoyikayo.
-
14
|Salmos 103:14|
Ngokuba uyakwazi yena ukubunjwa kwethu, Ekhumbula ukuba siluthuli.
-
15
|Salmos 103:15|
Hayi, umntu! Injengotyani imihla yakhe; Njengentyantyambo yasendle, kunjalo ukutyatyamba kwakhe.
-
16
|Salmos 103:16|
Xa uthe umoya wadlula kuyo, ayibikho, Ingabi sazana nayo indawo yayo.
-
17
|Salmos 103:17|
Ke yona inceba kaYehova ikwabamoyikayo, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, Nobulungisa bakhe bukoonyana boonyana;
-
18
|Salmos 103:18|
Kwabawugcinileyo umnqophiso wakhe, Kwabazikhumbulayo iziyalezo zakhe ukuba bazenze.
-
19
|Salmos 103:19|
UYehova uyizinzisile emazulwini itrone yakhe, Ubukumkani bakhe bulawula into yonke.
-
20
|Salmos 103:20|
Mbongeni uYehova, nina zithunywa zakhe, Magorha omeleleyo, alenzayo ilizwi lakhe, Ephulaphula isandi selizwi lakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13