-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Salmos 109:25|
Ndithe ndasisingcikivo kubo; Bendibona, bahlunguzela intloko.
-
26
|Salmos 109:26|
Ndincede, Yehova, Thixo wam, Ndisindise ngokwenceba yakho;
-
27
|Salmos 109:27|
Bazi ukuba sisandla sakho eso, Ukuba kukwenza kwakho, Yehova.
-
28
|Salmos 109:28|
Bayaqalekisa aba, uyasikelela wena; Besukile bema, baya kudana; uya kubuya yena umkhonzi wakho.
-
29
|Salmos 109:29|
Abandichasayo baya kwambatha ihlazo, Bazithi wambu ukudana njengengubo yokwaleka.
-
30
|Salmos 109:30|
Ndiya kubulela kakhulu kuYehova ngomlomo wam, Ndimdumise phakathi kwabaninzi;
-
31
|Salmos 109:31|
Kuba emi ekunene kolihlwempu, Ukuba amsindise kwabawugwebayo umphefumlo wakhe.
-
1
|Salmos 110:1|
EkaDavide. Umhobe. Utsho uYehova eNkosini yam ukuthi, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze Isitulo seenyawo zakho.
-
2
|Salmos 110:2|
Intonga yamandla akho uya kuyithumela uYehova, ivela eZiyon, esithi, Yiba nobukhosi phakathi kweentshaba zakho.
-
3
|Salmos 110:3|
Abantu bakho baya kuzinikela ngeentliziyo, ngemini yakho yokuphuma umkhosi; Bebethe ezingcwele, ekuphumeni kwesifingo, Uza kuwe umbethe womlisela wakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10