-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
4
|Salmos 110:4|
Ufungile uYehova, akayi kuzohlwaya; uthe, Ungumbingeleli ngonaphakade wena Ngokohlobo lukaMelkitsedeke.
-
5
|Salmos 110:5|
INkosi ngasekunene kwakho Iya kuphalusa ookumkani ngemini yomsindo wayo.
-
6
|Salmos 110:6|
Iya kugweba phakathi kweentlanga, kuzale zizidumbu; Iphaluse intloko ezweni elibanzi.
-
7
|Salmos 110:7|
Endleleni iya kusela emlanjaneni; Ngenxa yoko iya kuphakamisa intloko.
-
1
|Salmos 111:1|
Haleluya! Ndiya kubulela kuYehova ngentliziyo yonke, Elucweyweni lwabathe tye nasebandleni.
-
2
|Salmos 111:2|
Zikhulu izenzo zikaYehova, Zezokungxokwa iintsingiselo zazo zonke.
-
3
|Salmos 111:3|
Unendili nobungangamela umsebenzi wakhe, Ubulungisa bakhe bumi ngonaphakade.
-
4
|Salmos 111:4|
Uyenzele ukuze ikhunjulwe imisebenzi yakhe ebalulekileyo; Unobabalo nemfesane uYehova.
-
5
|Salmos 111:5|
Ubaphe ukudla abamoyikayo; Uwukhumbule ngonaphakade umnqophiso wakhe.
-
6
|Salmos 111:6|
Ubabonise abantu bakhe amandla ezenzo zakhe, Ebanika ilifa leentlanga.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10