-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Salmos 31:9|
Ndibabale, Yehova, ngokuba ndibandezelekile; Lonakele kukukhathazeka iliso lam, nomphefumlo wam, nesisu sam;
-
10
|Salmos 31:10|
Ngokuba buphelile sisingqala ubomi bam, Neminyaka yam kukuncwina; Ayagexa amandla am ngobugwenxa bam, Namathambo am aluphele.
-
11
|Salmos 31:11|
Ngenxa yababandezeli bam bonke ndaba sisingcikivo, Ngokukodwa kubamelwane bam; ndaba yinto yokunkwantyisa kwabandaziyo; Abandibonayo ngaphandle baya ndibaleka.
-
12
|Salmos 31:12|
Ndilityelwe njengomfi ongasakhunjulwayo; Ndinjengesitya esiza kulahlwa.
-
13
|Salmos 31:13|
Ngokuba ndive intlebendwane yabaninzi, Ukunxunguphala ngeenxa zonke. Ekugquguleni kwabo ngam, Bankqangiyela ukuthabatha umphefumlo wam.
-
14
|Salmos 31:14|
Ke mna ndikholose ngawe, Yehova; Ndithi, UnguThixo wam wena.
-
15
|Salmos 31:15|
Asesandleni sakho amaxesha am; Ndihlangule esandleni seentshaba zam nakwabandisukelayo.
-
16
|Salmos 31:16|
Khanyisa ubuso bakho phezu komkhonzi wakho; Ndisindise ngenceba yakho.
-
17
|Salmos 31:17|
Yehova, andiyi kudana, ngokuba ndinqula wena; Makudane abangendawo, bathi cwaka kwelabafileyo.
-
18
|Salmos 31:18|
Mawubotshwe umlomo wobuxoki, Othetha ngelungisa ngokusa, Unekratshi, udela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 1-4