-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Salmos 32:5|
Ndikwazisile isono sam, ubugwenxa bam andabugquma; Ndathi, Ndoluvuma ukreqo lwam kuYehova; Wabuxolela ke wena ubugwenxa besono sam. (Phakamisani.)
-
6
|Salmos 32:6|
Ngenxa yoko mabathandaze kuwe bonke abenceba ngexesha lokukufumana; Inene, ekukhukuleni kwamanzi amaninzi Akayi kufika kubo.
-
7
|Salmos 32:7|
Wena uyindawo yokuzimela kwam; uyandilondoloza embandezelweni, Undingqonge ngomemelelo lokusiza. (Phakamisani.)
-
8
|Salmos 32:8|
Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele indlela owohamba ngayo: Ndiya kukucebisa, iliso lam likuwe.
-
9
|Salmos 32:9|
Musani ukuba njengamahashe, njengoondlebende, ukungabi nangqondo; Abazivatho zingumkhala, neentambo zokubabopha umlomo; Bengenazo abasayi kusondela kuwe.
-
10
|Salmos 32:10|
Mkhulu umvandedwa wongendawo; Ke okholosa ngoYehova, yena uya kumjikela ngenceba.
-
11
|Salmos 32:11|
Vuyani kuYehova, nigcobe, nina malungisa, Nimemelele, nina nonke bantliziyo zithe tye.
-
1
|Salmos 33:1|
Memelelani kuYehova, nina malungisa; Ibafanele abathe tye indumiso.
-
2
|Salmos 33:2|
Bulelani kuYehova ngohadi, Mbetheleni umrhubhe ontambo zilishumi.
-
3
|Salmos 33:3|
Mvumeleni ingoma entsha, Nilungise ukubetha ngelokuduma;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 1-4