-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
14
|Salmos 33:14|
Esendaweni yakhe yokuhlala, wondele Kubemi bonke behlabathi:
-
15
|Salmos 33:15|
Ulobumba ngakunye intliziyo yabo, Uloqonda zonke izenzo zabo.
-
16
|Salmos 33:16|
Akukho kumkani osindiswa yimpi enkulu; Igorha alihlangulwa ngamandla alo amakhulu.
-
17
|Salmos 33:17|
Liyaxoka ihashe ukuba lingasindisa, Nangamandla alo amakhulu alinakusiza.
-
18
|Salmos 33:18|
Yabona, iliso likaYehova likubo abamoyikayo, Abalindele inceba yakhe,
-
19
|Salmos 33:19|
Ukuba awuhlangule ekufeni umphefumlo wabo, Abagcine ngexesha lendlala.
-
20
|Salmos 33:20|
Umphefumlo wethu ulindele kuYehova; Nguye uncedo lwethu, nengweletshetshe yethu.
-
21
|Salmos 33:21|
Ngokuba iya kuvuya ngaye intliziyo yethu, Sikholosile nje ngegama lakhe elingcwele.
-
22
|Salmos 33:22|
Inceba yakho mayibe phezu kwethu, Yehova, Njengoko sikulindeleyo kuwe.
-
1
|Salmos 34:1|
EkaDavide; oko wazenza ophambene ingqondo phambi koAbhimeleki, waza yena wamgxotha, wahamba. Ndiya kumbonga uYehova ngamaxesha onke, Ihlale isemlonyeni wam indumiso yakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 1-4