-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Salmos 48:6|
Babanjwa khona kukuthuthumela, Kukuzibhijabhija njengozalayo.
-
7
|Salmos 48:7|
Ngomoya wasempumalanga Uyazivitha iinqanawa zaseTarshishe.
-
8
|Salmos 48:8|
Njengoko sikuvileyo, sibone kunjalo Emzini kaYehova wemikhosi, emzini kaThixo wethu: UThixo uyawuzinzisa ngonaphakade. (Phakamisani.)
-
9
|Salmos 48:9|
Sayikhumbula, Thixo, inceba yakho Phakathi kwetempile yakho.
-
10
|Salmos 48:10|
Njengoko linjalo igama lakho, Thixo, Lunjalo udumiso lwakho, Kwesa eziphelweni zehlabathi; Isandla sakho sokunene sizele bubulungisa.
-
11
|Salmos 48:11|
Mayivuye intaba yaseZiyon, Agcobe amagxamesi akwaYuda, Ngenxa yezigwebo zakho.
-
12
|Salmos 48:12|
Yijikelezeni iZiyon, niyizunguleze; Zibaleni iinqaba zayo ezinde.
-
13
|Salmos 48:13|
Gqalani ungqameko lomsele wayo; Candani ezingxandeni zayo ezinde; Ukuze nibalisele isizukulwana esizayo,
-
14
|Salmos 48:14|
Ukuba lo Thixo nguThixo wethu ngonaphakade kanaphakade, Yena uya kusikhapha kude kuse ekufeni.
-
1
|Salmos 49:1|
Kumongameli: eyoonyana bakaKora. Umhobe. Yivani oku, nina nonke zizwe; Bekani indlebe, nina nonke, bemi beli phakade,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Malaquías 1-4