-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
13
|Salmos 45:13|
Bubuyokoyoko bodwa intombi yokumkani kweliphakathi igumbi. Isambatho sayo sesilukwe igolide.
-
14
|Salmos 45:14|
Isiwa kukumkani ineengubo ezimfakamfele; Ziyilandela iintombi ezingowayo, Zisiwa kuwe,
-
15
|Salmos 45:15|
Zisiwa ngovuyo nangomgcobo, Zingene ebhotweni lokumkani.
-
16
|Salmos 45:16|
Endaweni yooyihlo iya kuba ngoonyana bakho; Uya kubamisa babe ngabathetheli ehlabathini lonke.
-
17
|Salmos 45:17|
Ndiya kulikhankanya igama lakho kwizizukulwana ngezizukulwana zonke; Ngenxa yoko izizwe ziya kubulela kuwe ngonaphakade kanaphakade.
-
1
|Salmos 46:1|
Kumongameli: eyoonyana bakaKora; ngeyeentombi. Ingoma. UThixo ulihlathi, uligwiba kuthi; Ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo kunene.
-
2
|Salmos 46:2|
Ngenxa yoko asoyiki ekuphendukeni kwehlabathi, Ekudilikeleni kweentaba esazulwini solwandle.
-
3
|Salmos 46:3|
Makagqume alephuze amanzi alo, Iintaba zinyikime ngokukratsha kwalo. (Phakamisani.)
-
4
|Salmos 46:4|
Kukho umlambo ozibhaxa zivuyisa umzi kaThixo, Ingcwele yeminquba yOsenyangweni.
-
5
|Salmos 46:5|
UThixo uphakathi kwawo, awushukunyiswa; UThixo uyawunceda kwasekuzeni kokusa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Malaquías 1-4