-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Salmos 45:3|
Bhinqa ikrele lakho ethangeni, gorha, Bhinqa indili yakho nobungangamela bakho.
-
4
|Salmos 45:4|
Tyhudisa, ukhwele uhambe, unobungangamela bakho, Ngenxa yenyaniso, nolulamo olunobulungisa. Sikuyale ngezinto ezoyikekayo isandla sakho sokunene.
-
5
|Salmos 45:5|
Iintolo zakho zitsolile; Kuya kuwa izizwe phantsi kwakho; Zitsolile entliziyweni yeentshaba zokumkani.
-
6
|Salmos 45:6|
Itrone yakho, itrone kaThixo, ingunaphakade kanaphakade; Yintonga ethe tye intonga yobukumkani bakho.
-
7
|Salmos 45:7|
Uthanda ubulungisa, uthiye okungendawo; Ngenxa yoko ukuthambisile uThixo, uThixo wakho, Ngeoli yemihlali ngaphezu kwabalingane bakho.
-
8
|Salmos 45:8|
Ziyimore nehaloti nekasiya iingubo zakho zonke; Emabhotweni eempondo zeendlovu uhadi lukuvuyisile.
-
9
|Salmos 45:9|
Kukho iintombi zokumkani phakathi kwabathandekayo bakho; Ukumkanikazi umi ngasekunene kwakho, Enxibe igolide ecikizekileyo yakwaOfire.
-
10
|Salmos 45:10|
Yiva, ntombi, ubone, uthobe indlebe yakho, Ubalibale abantu bakowenu, nendlu kayihlo;
-
11
|Salmos 45:11|
Akubunqwenela ubunzwakazi bakho ukumkani, Woqubuda kuye, ngokuba eyinkosi yakho.
-
12
|Salmos 45:12|
Intombi enguTire, izityebi zabantu, Ziya kukuncekelela ngomnikelo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Malaquías 1-4