-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
4
|Salmos 43:4|
Ndoya ke esibingelelweni sikaThixo, KuThixo wovuyo lwam olugcobayo, Ndibulele kuwe ngohadi, Thixo onguThixo wam.
-
5
|Salmos 43:5|
Kungani na ukuba usibekeke, mphefumlo wam? Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam? Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye, Olusindiso lobuso bam, noThixo wam.
-
1
|Salmos 44:1|
Kumongameli: eyoonyana bakaKora: eyokuqiqa. Thixo, sivile ngeendlebe zethu, oobawo basibalisela, Ngomsebenzi owawenza ngemihla yabo, ngemihla yamandulo:
-
2
|Salmos 44:2|
Okokuba isandla sakho sagqogqa iintlanga, sabatyala bona; Saviva izizwe, sabanabisa bona.
-
3
|Salmos 44:3|
Ngokuba abalihluthanga ilizwe ngekrele labo, Abazisindisanga ngengalo yabo; Sisandla sakho sokunene, nengalo yakho, nokukhanya kobuso bakho; Ngokuba wawunesisa kubo.
-
4
|Salmos 44:4|
Wena unguKumkani wam, Thixo; Yitsho lubekho usindiso kuYakobi.
-
5
|Salmos 44:5|
Ngawe sobangqula abasibandezelayo; Egameni lakho sobagqusha abasukela phezulu kuthi.
-
6
|Salmos 44:6|
Ngokuba andikholose ngasaphetha sam; Andisindiswa ngakrele lam.
-
7
|Salmos 44:7|
Hayi! Nguwe osisindisayo kwabasibandezelayo, Ubadanise abasithiyileyo.
-
8
|Salmos 44:8|
NgoThixo sidumisa imihla yonke, Sibulele kwigama lakho ngonaphakade. (Phakamisani.)
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 1-4