-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Salmos 42:5|
Kungani na ukuba usibekeke, mphefumlo wam; Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam? Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye, Olusindiso lobuso bam, noThixo wam.
-
6
|Salmos 42:6|
Thixo wam, umphefumlo wam usibekekile kum; ngenxa yoko ndikhumbula wena Ezweni laseYordan, nakweleHermon, entabeni yeMitsare.
-
7
|Salmos 42:7|
Amanzi anzongonzongo abiza amanzi anzongonzongo ngesandi seengxangxasi zakho; Onke amaza akho alwayo, amaza akho agugumayo, adlule phezu kwam.
-
8
|Salmos 42:8|
Emini uYehova uya kuyiwisela umthetho inceba yakhe, Nasebusuku ukuvuma ngaye kunam, Ukuthandaza kuThixo wobomi bam.
-
9
|Salmos 42:9|
Ndithi ke kuThixo oyingxondorha yam, Undilibele ngani na? Ndihambelani na ngezimnyama zokuzila ngokuxina kotshaba?
-
10
|Salmos 42:10|
Ngento ephehlayo emathanjeni am, bayandingcikiva abandibandezelayo, Ngokuthi kwabo kum imihla yonke, Uphi na uThixo wakho?
-
11
|Salmos 42:11|
Kungani na ukuba usibekeke, mphefumlo wam; Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam? Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye, Olusindiso lobuso bam, noThixo wam.
-
1
|Salmos 43:1|
Lithethe ityala lam, Thixo, ubambane ngenxa yam nohlanga olungenanceba; Ndisindise endodeni ekhohlisayo, enobugqwetha.
-
2
|Salmos 43:2|
Ngokuba unguThixo oyinqaba yam; undihlambelani na? Ndihambelani na ngezimnyama zokuzila, ngokuxina kotshaba?
-
3
|Salmos 43:3|
Thuma ukukhanya kwakho nenyaniso yakho, zindikhaphe, Zindise entabeni yakho engcwele, Naseminqubeni yakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 1-4