-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Salmos 40:5|
Yehova, Thixo wam, wena wenze okuninzi ngemisebenzi yakho ebalulekileyo, Nangeengcinga zakho kuthi; Akukho nto inokulinganiswa nawe; Okanye bendiya kuyixela, ndithethe ngayo; Ke ziyinkohla engenakubalwa.
-
6
|Salmos 40:6|
Akunanze mbingelelo namnikelo wakudla; Iindlebe zam uzivulile; Akubizi dini linyukayo nadini lasono.
-
7
|Salmos 40:7|
Ndaza ndathi, Yabona, Ndiyeza; encwadini esongwayo kubhaliwe ngam.
-
8
|Salmos 40:8|
Ukwenza okulikholo kuwe, Thixo wam, ndikunanzile; Nomyalelo wakho usezibilinini zam ngaphakathi.
-
9
|Salmos 40:9|
Ndashumayela iindaba ezilungileyo zobulungisa ebandleni elikhulu; Yabona, andiwuthintelanga umlomo wam; Yehova, wena uyazi.
-
10
|Salmos 40:10|
Ubulungisa bakho andibugqumanga phakathi kwentliziyo yam; Ndakukhankanya ukuthembeka kwakho nosindiso lwakho; Andiyikhanyelanga inceba yakho nenyaniso yakho ebandleni elikhulu.
-
11
|Salmos 40:11|
Wena, Yehova, akuyi kuzithintela iimfesane zakho kum; Inceba yakho nenyaniso yakho iya kuhlala indilondoloza.
-
12
|Salmos 40:12|
Ngokuba zindijikele izinto ezimbi, ezide azaba nakubalwa; Bundifikele ubugwenxa bam, andinakubukhangela; Buninzi kuneenwele zentloko yam; Ndimkelwe yintliziyo.
-
13
|Salmos 40:13|
Ngamana, Yehova, wandihlangula; Yehova, wakhawuleza wandinceda!
-
14
|Salmos 40:14|
Mabadane babe neentloni kuphele Abazungula umphefumlo wam ukuze bawuphephethe; Mababuye muva bahlazeke
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 1-4