-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Salmos 39:8|
Ndihlangule elukreqweni lwam lonke; Musa ukundimisela ingcikivo yesidenge.
-
9
|Salmos 39:9|
Ndisisidenge, umlomo wam andiwuvuli, Ngokuba oko kwenziwe nguwe.
-
10
|Salmos 39:10|
Sisuse kum isibetho sakho; Mna ndiyaphela kukutyundyutha kwesandla sakho.
-
11
|Salmos 39:11|
Wakumthethisa umntu ngezohlwayo ngenxa yobugwenxa, Uyasonakalisa njengenundu isoya sakhe; Bangumphunga nje kodwa bonke abantu. (Phakamisani.)
-
12
|Salmos 39:12|
Yiva umthandazo wam, Yehova, Kubekele indlebe ukuzibika kwam. Musa ukuthi tu ezinyembezini zam; Ngokuba ndingumphambukeli kuwe, Undwendwe, njengoobawo bonke.
-
13
|Salmos 39:13|
Bheka phaya, ungandikhangeli, khendincumeze, Ndingekemki ndingabi sabakho.
-
1
|Salmos 40:1|
Kumongameli. Umhobe kaDavide. Ndathembela, ndithembele kuYehova, Wathoba, wakuva ukuzibika kwam.
-
2
|Salmos 40:2|
Wandirhola emhadini wentshabalalo, naseludakeni lomgxobhozo, Wazimisa eliweni iinyawo zam, wakuqinisa ukunyathela kwam.
-
3
|Salmos 40:3|
Wabeka emlonyeni wam ingoma entsha, indumiso kuThixo wethu; Abaninzi bayabona, boyike, Bakholose ngoYehova.
-
4
|Salmos 40:4|
Hayi, uyolo lwendoda emenze uYehova inkoloseko yayo, Ingabheki kwabagwagwisayo, nakubanxaxhi abanamanga!
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 1-4