-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Salmos 41:8|
Bathi, Unanyekwe bubutshijolo, Engoleleyo nje, akayi kubuya avuke.
-
9
|Salmos 41:9|
Kwanendoda ebixolelene nam, ebe ndikholose ngayo, Ebisidla isonka sam, indiphakamisele isithende sayo.
-
10
|Salmos 41:10|
Wena Yehova, ndibabale, undiphakamise, Ndibabuyekeze.
-
11
|Salmos 41:11|
Ndazi ngale nto, ukuba undinonelele, Yokokuba lungenakundidumela utshaba lwam.
-
12
|Salmos 41:12|
Mna ekugqibeleleni kwam uyandixhasa, Undimisa phambi kwakho ngonaphakade.
-
13
|Salmos 41:13|
Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni. Amen, amen.
-
1
|Salmos 42:1|
Kumongameli: eyokuqiqa; eyoonyana bakaKora. Njengexhama elitsalela emifuleni yamanzi, Wenjenjalo ukutsalela kuwe, Thixo, umphefumlo wam.
-
2
|Salmos 42:2|
Umphefumlo wam unxanela uThixo, uThixo ophilileyo; Ndiya kufika nini na, ndibonakale ebusweni bukaThixo?
-
3
|Salmos 42:3|
Iinyembezi zam zaba kukudla kwam imini nobusuku, Bakuthi kum imihla yonke, Uphi na uThixo wakho?
-
4
|Salmos 42:4|
Ndikhumbula oku, ndiwuphalazela kum umphefumlo wam, Ukuhamba kwam nezihlwele ndisiya endlwini kaThixo, Sinezwi lokumemelela nokubulela, siyingxokolo evuyayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 1-4