-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Salmos 59:10|
UThixo wam uya kundikhawulela ngenceba yakhe; UThixo uya kundibonisa abandilaleleyo.
-
11
|Salmos 59:11|
Musa ukubabulala, hleze balibale abantu bakowethu; Babhadulise ngamandla akho, ubawise, Ngweletshetshe yethu, Nkosi yethu.
-
12
|Salmos 59:12|
Isono somlomo wabo lilizwi lemilebe yomlomo wabo; Mababanjiswe likratshi labo, Nangenxa yokushwabula nokuhanahanisa abakuthethayo.
-
13
|Salmos 59:13|
Bagqibe ngobushushu; gqiba, bangabi sabakho; Baqonde ukuba uThixo ngumlawuli kwaYakobi, Wesa eziphelweni zehlabathi. (Phakamisani.)
-
14
|Salmos 59:14|
Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja, Bawuhamba-hambe umzi.
-
15
|Salmos 59:15|
Bona babhadulela ukudla; Ukuba bathe abahlutha, balala apho.
-
16
|Salmos 59:16|
Ke mna, ndiya kuvuma ngamandla akho, Ndimemelele kwakusasa ngenceba yakho, Kuba ubuyingxonde kum, Nendawo endisabela kuyo ngemini yokubandezelwa kwam.
-
17
|Salmos 59:17|
Mandla am, ndiya kukubethela uhadi; Ngokuba uThixo yingxonde yam, nguThixo wam onenceba.
-
1
|Salmos 60:1|
Kumongameli; ngeyenyibiba yesingqino. Eliligugu. EkaDavide. Eyokufundisa: ekulweni kwakhe nama-Aram phakathi kweMilambo nama-Aram aseTsobha; wabuya uYowabhi, wawabulala amaEdom emfuleni wetyuwa, amawaka alishumi elinamabini. Thixo, usihlambile, wasichitha, Waqumba; ngamana wasibuyisa.
-
2
|Salmos 60:2|
Ulinyikimisile ilizwe, ulikrazule; Philisa iintanda zalo ngokuba lishukuma.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Malaquías 1-4