-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Salmos 62:3|
Kunini na nisuka indulumbane emntwini? Kunini na nimncinitha nonke niphela, enjengodonga oluzimkayo, enjengothango oluwayo?
-
4
|Salmos 62:4|
Bagqibe kwelokuba bamtyhale bamsuse ekuphakameni kwakhe kuphele; Bakholene namanga; Basikelela elowo ngomlomo, embilinini yabo bayatshabhisa. (Phakamisani.)
-
5
|Salmos 62:5|
Thozamela kuThixo yedwa, mphefumlo wam, Ngokuba livela kuye ithemba lam.
-
6
|Salmos 62:6|
Nguye kwaphela iliwa lam, umsindisi wam, Ingxonde yam; andiyi kushukunyiswa.
-
7
|Salmos 62:7|
KunoThixo ukusindiswa kwam nozuko lwam; Iliwa lokunqaba kwam nehlathi lam likuThixo.
-
8
|Salmos 62:8|
Kholosani ngaye ngamaxesha onke, nina bantu; Phalazani intliziyo yenu phambi kwakhe. UThixo ulihlathi kuthi. (Phakamisani.)
-
9
|Salmos 62:9|
Bangumphunga kwaphela onyana boluntu, ngamanga oonyana bamadoda; Esikalini bangenyuka, Bangumphunga bephelele.
-
10
|Salmos 62:10|
Musani ukukholosa ngokudla abantu, Ningazenzi into engeyanto ngento exhakamfuliweyo. Yakwanda imfuyo, musani ukuyinyamekela.
-
11
|Salmos 62:11|
Uthethe nto-nye uThixo, Ezi zinto zimbini ndizivile: Ukuba amandla ngakaThixo,
-
12
|Salmos 62:12|
Nenceba yeyakho, Nkosi yam; Ngokuba uyababuyekeza, elowo ngokwezenzo zakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Malaquías 1-4