-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
13
|Salmos 81:13|
Akwaba abantu bam bebendiva, Akwaba uSirayeli ubehamba ngendlela yam!
-
14
|Salmos 81:14|
Bendiya kuzithoba kamsinya iintshaba zabo, Ndisibuyisele phezu kwababandezeli babo isandla sam.
-
15
|Salmos 81:15|
Abamthiyayo uYehova bebeya kuhanahanisa kuye, Libe ngunaphakade ixesha labo.
-
16
|Salmos 81:16|
Bendiya kubadlisa ingqolowa etyebileyo, Ndibahluthise ngobusi etsilini.
-
1
|Salmos 82:1|
Umhobe ka-Asafu. UThixo umi ebandleni likaThixo, Ugweba phakathi koothixo; uthi,
-
2
|Salmos 82:2|
Kunini na nigweba ngobugqwetha, Nibanonelela abangendawo? (Phakamisani.)
-
3
|Salmos 82:3|
Thethani ityala losweleyo nelenkedama, Gwebelani olusizana nolihlwempu.
-
4
|Salmos 82:4|
Sizani osweleyo nolihlwempu, Bahlanguleni esandleni sabangendawo.
-
5
|Salmos 82:5|
Abazi, abaqondi, Bahamba-hamba emnyameni; Ziyashukuma zonke iziseko zehlabathi.
-
6
|Salmos 82:6|
Ndithe mna, Ningoothixo, Ningoonyana bOsenyangweni nonke niphela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 12-14