-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Salmos 81:3|
Vuthelani isigodlo ukuthwasa kwenyanga, Nokuhlangana kwenyanga, ngemini yomthendeleko wethu.
-
4
|Salmos 81:4|
Ngokuba ngummiselo lowo kuSirayeli, Lisiko likaThixo kaYakobi.
-
5
|Salmos 81:5|
Sisingqiniso awasimisayo kwaYosefu, Ekucandeni kwakhe ezweni laseYiputa; Ndeva intetho endingayaziyo.
-
6
|Salmos 81:6|
Ndawususa umthwalo egxalabeni lakhe; Izandla zakhe zasuka ezingobozini zokuthwala.
-
7
|Salmos 81:7|
Embandezelweni wadanduluka wena, ndakuhlangula; Ndakuphendula esitheni leendudumo, Ndakuvavanya emanzini aseMeribha. (Phakamisani.)
-
8
|Salmos 81:8|
Ndathi, Yivani, bantu bam, ndiqononondise kuni; Sirayeli, ukuba unokuphulaphula kum!
-
9
|Salmos 81:9|
Makungabikho thixo wasemzini kuwe; Unganquli thixo wolunye uhlanga.
-
10
|Salmos 81:10|
Ndim uYehova uThixo wakho, Okunyusileyo elizweni laseYiputa. Yakhamisa, ndiwuzalise umlomo wakho.
-
11
|Salmos 81:11|
Ke abantu bam abaliva izwi lam, USirayeli akandivumanga.
-
12
|Salmos 81:12|
Ndabanikela ebungqoleni beentliziyo zabo; Bahamba ngawabo amaqhinga.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 12-14