-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Salmos 79:5|
Kunini na, Yehova, uhleli uqumbile? Liya kuvutha njengomlilo na ikhwele lakho?
-
6
|Salmos 79:6|
Phalaza ubushushu bakho ezintlangeni ezingakwaziyo, Ezikumkanini ezingalinquliyo igama lakho.
-
7
|Salmos 79:7|
Ngokuba zimdlile uYakobi, Zalenza inxuwa ikhaya lakhe.
-
8
|Salmos 79:8|
Musa ukubukhumbula kuthi ubugwenxa bamanyange ethu, Mayingxame isikhawulele imfesane yakho: Ngokuba siswele kakhulu.
-
9
|Salmos 79:9|
Sincede, Thixo ongumsindisi wethu, ngenxa yozuko lwegama lakho, Usihlangule, uzixolele ngocamagushelo izono zethu ngenxa yegama lakho.
-
10
|Salmos 79:10|
Yini na ukuba iintlanga zithi kuthi, Uphi na uThixo wabo? Makwazeke ezintlangeni, emehlweni ethu, Ukuphindezelwa kwegazi labakhonzi bakho eliphalaziweyo.
-
11
|Salmos 79:11|
Makuze phambi kwakho ukugcuma kwamakhonkxwa; Ngokobukhulu bengalo yakho basalise oonyana bokufa.
-
12
|Salmos 79:12|
Yibuyisele kubamelwane bethu kasixhenxe esondweni lengubo yabo Ingcikivo yabo, abakungcikive ngayo, Nkosi.
-
13
|Salmos 79:13|
Ke thina bantu bakho, zimvu zaluswa nguwe, Siya kubulela kuwe ngonaphakade, Sibalise ngendumiso yakho kwizizukulwana ngezizukulwana.
-
1
|Salmos 80:1|
Kumongameli; ngeyeenyibiba ezingqinisayo. Ka-Asafu. Umhobe. Ulomalusi kaSirayeli, beka indlebe! Uloqhuba uYosefu njengezimvu, Ulohlala ezikerubhini, bengezela!
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 12-14