-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
67
|Salmos 78:67|
Yayicekisa intente yakwaYosefu, Ayasinyula isizwe sakwaEfrayim.
-
68
|Salmos 78:68|
Yanyula isizwe sakwaYuda, Intaba yaseZiyon eyayithandayo.
-
69
|Salmos 78:69|
Yayakha njengokuphakama kwezulu ingcwele yakhe, Njengomhlaba lo awusekileyo ngonaphakade.
-
70
|Salmos 78:70|
Yanyula uDavide umkhonzi wayo, Yamthabatha ezibayeni zezimvu;
-
71
|Salmos 78:71|
Yamthabatha elandela izimvu ezanyisayo, Yamzisa ukuba aluse kwaYakobi abantu bayo, KwaSirayeli ilifa layo.
-
72
|Salmos 78:72|
Wabalusa ke ngengqibelelo yentliziyo yakhe, Wabakhapha ngokwazi kwezandla zakhe.
-
1
|Salmos 79:1|
Umhobe ka-Asafu. Thixo, iintlanga zingene elifeni lakho, Ziyenze inqambi itempile yakho engcwele; Ziyenze yayimiwewe iYerusalem.
-
2
|Salmos 79:2|
Izidumbu zabakhonzi bakho zizinike iintaka zezulu ukuba zizidle, Nenyama yabakho benceba ziyinike amarhamncwa elizwe.
-
3
|Salmos 79:3|
Ziliphalazile igazi labo njengamanzi ngeenxa zonke eYerusalem; Akwabakho mngcwabi.
-
4
|Salmos 79:4|
Senziwe ingcikivo kubamelwane bethu, Isigculelo nesicukucezo kwabasingqongileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 12-14