-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
57
|Salmos 78:57|
Babuya unuva, banginiza njengooyise. Bajika njengesaphetha esikhohlisayo.
-
58
|Salmos 78:58|
Bamqumbisa ngeziganga zabo, Bamkhweletisa ngemifanekiso yabo eqingqiweyo.
-
59
|Salmos 78:59|
Weva uThixo, waphuphuma umsindo, Wawacekisa kakhulu amaSirayeli;
-
60
|Salmos 78:60|
Wawulahla umnquba waseShilo, Intente abeyimise esintwini;
-
61
|Salmos 78:61|
Wawanikela ekuthinjweni amandla akhe, Isihombo sakhe esandleni sombandezeli.
-
62
|Salmos 78:62|
Wabanikela abantu bakhe kwikrele, Umsindo wakhe waphuphumela ilifa lakhe.
-
63
|Salmos 78:63|
Amadodana abo adliwa ngumlilo, Iintombi zabo azagcotyelwa.
-
64
|Salmos 78:64|
Ababingeleli babo bawa likrele, Abahlolokazi babo abalila.
-
65
|Salmos 78:65|
Yaza yavuka njengobelele iNkosi, Njengegorha elimemeleliswa yiwayini.
-
66
|Salmos 78:66|
Yababetha ngasemva ababandezeli bayo, Yabenza ingcikivo engunaphakade.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 12-14