-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
37
|Salmos 78:37|
Intliziyo yabo ayaqina kuye, Abanyaniseka emnqophisweni wakhe.
-
38
|Salmos 78:38|
Ke yena unemfesane, Uxolela ubugwenxa ngocamagushelo, akonakalisi; Wawubuyisa futhi umsindo wakhe, Akabuxhoxha bonke ubushushu bakhe.
-
39
|Salmos 78:39|
Wakhumbula ukuba bayinyama, Bangumoya omkayo, ongabuyiyo.
-
40
|Salmos 78:40|
Kukangaphi bemphikisa entlango, Bemenza buhlungu enkangala!
-
41
|Salmos 78:41|
Babuya bamlinga uThixo, Bamenzakalisa oyiNgcwele wakwaSirayeli.
-
42
|Salmos 78:42|
Abasikhumbula isandla sakhe, Imini awabakhulula ngayo embandezelweni;
-
43
|Salmos 78:43|
Awamisa ngayo imiqondiso yakhe eYiputa, Nezimanga zakhe emhlabeni waseTsohan.
-
44
|Salmos 78:44|
Wayiguqula imijelo yabo, yaba ligazi, Ababa nakuyisela imiqukuqela yabo yamanzi.
-
45
|Salmos 78:45|
Wathumela kubo iingcongconi, zabadla; Namasele, abatshabalalisa.
-
46
|Salmos 78:46|
Izilimo zabo wazinika iinkumbi ezinqunquthayo, Ukuxelenga kwabo wakunika iinkumbi ezandayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 12-14