-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Salmos 78:17|
Baqokela noko ukona kuye, Nokumphikisa Osenyangweni emqwebedwini.
-
18
|Salmos 78:18|
Bamlinga uThixo ngentliziyo yabo, Ngokuwubizela umphefumlo wabo ukudla.
-
19
|Salmos 78:19|
Bathetha ngoThixo, bathi, Unako na uThixo ukulungisa isithebe entlango?
-
20
|Salmos 78:20|
Yabona, walibetha iliwa, abaleka amanzi, Yakhukula nemilanjana; Woba nako na nokubanika ukutya, Nokubalungiselela inyama abantu bakhe?
-
21
|Salmos 78:21|
Weva ke uThixo, waphuphuma umsindo wakhe, Watsha umlilo kwaYakobi, Kwenyuka kwaya umsindo kwaSirayeli;
-
22
|Salmos 78:22|
Ngokuba bengakholwanga kuThixo, Bengakholosanga ngosindiso lwakhe.
-
23
|Salmos 78:23|
Waziwisela ke umthetho iingqimba zamafu ngaphezulu, Wazivula iingcango zezulu;
-
24
|Salmos 78:24|
Wabanisela ngemana ukuze badle, Wabanika ingqolowa yasezulwini.
-
25
|Salmos 78:25|
Umntu wadla isonka sOnamandla; Wabathumela umphako bada badikwa.
-
26
|Salmos 78:26|
Wandulula umoya wasempumalanga ezulwini, Wawuqhuba ngamandla akhe umoya wasezantsi;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 12-14