-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
27
|Salmos 78:27|
Wabanisela inyama njengothuli, Neentaka ezinamaphiko njengentlabathi yolwandle;
-
28
|Salmos 78:28|
Yawa phakathi kweminquba yabo, Ngeenxa zonke emakhayeni abo.
-
29
|Salmos 78:29|
Badla, bahlutha kakhulu, Wabazisela ke inkanuko yabo.
-
30
|Salmos 78:30|
Bengekashenxi enkanukweni yabo, Kusekho ukudla kwabo emlonyeni wabo:
-
31
|Salmos 78:31|
Kwenyuka umsindo kaThixo waya kubo, Wabulala phakathi kwabatyebileyo babo, Wawawisa amadodana akwaSirayeli.
-
32
|Salmos 78:32|
Kuyo yonke loo nto bahambisa ngokona, Abakholwa yimisebenzi yakhe ebalulekileyo.
-
33
|Salmos 78:33|
Wayiphelisa ke imihla yabo njengomphunga, Neminyaka yabo ngokukhwankqisa.
-
34
|Salmos 78:34|
Xa wathi wababulala, bamquqela; Babuya bamquqela uThixo ngenyameko,
-
35
|Salmos 78:35|
Bakhumbula ukuba uThixo uliliwa labo, UThixo Osenyangweni ungumkhululi wabo.
-
36
|Salmos 78:36|
Ke bamthomalalisa ngomlomo wabo, Bamxokisa ngolwimi lwabo;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 12-14