-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
47
|Salmos 78:47|
Wawubulala ngesichotho umdiliya wabo, Nemithombe yabo ngomkhenkce.
-
48
|Salmos 78:48|
Wayinikela kwisichotho imfuyo yabo, Nemihlambi yabo ngemibane.
-
49
|Salmos 78:49|
Wathumela kubo ukuvutha komsindo wakhe, Ukuphuphuma kwawo, nokubhavuma, nembandezelo, Ibutho lezithunywa zobubi.
-
50
|Salmos 78:50|
Wawulungelelanisela umendo umsindo wakhe, Akawunqanda ekufeni umphefumlo wabo, Wabunikela ubomi babo kwindyikitya yokufa.
-
51
|Salmos 78:51|
Wababulala bonke abamazibulo eYiputa, Iintlahlela zamandla obudoda ezintenteni zakwaHam.
-
52
|Salmos 78:52|
Abantu bakhe wabafudusa njengezimvu, Wabaqhuba njengomhlambi entlango;
-
53
|Salmos 78:53|
Wabakhapha bekholosile, bengankwantyi; Ke zona iintshaba zabo lwazigubungela ulwandle
-
54
|Salmos 78:54|
Wabazisa emdeni wakhe ongcwele, Kule ntaba sayizuzayo isandla sakhe sokunene.
-
55
|Salmos 78:55|
Wagxotha iintlanga ebusweni babo, Wazenzela amaqashiso zalilifa elicandiweyo; Izizwe zakwaSirayeli wazihlalisa ezintenteni zazo.
-
56
|Salmos 78:56|
Kodwa bamlinga, bamphikisa uThixo Osenyangweni, Abazigcina izingqiniso zakhe,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 12-14