-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Salmos 77:17|
Amafu engqingqwa aphalaza amanzi, Isibhakabhaka savakalisa isandi; Ewe, iintolo zakho zahamba-hamba.
-
18
|Salmos 77:18|
Izwi lendudumo yakho laba sesaqhwithini, Imibane yalikhanyisa elimiweyo, Lagungqa lanyikima ihlabathi.
-
19
|Salmos 77:19|
Yaba selwandle indlela yakho, Nomendo wakho waba semanzini amaninzi; Awaziwa umkhondo wakho.
-
20
|Salmos 77:20|
Wabakhokela njengezimvu abantu bakho, Ngesandla sooMoses noAron.
-
1
|Salmos 78:1|
Eyokuqiqa ka-Asafu. Wubekeleni indlebe umyalelo wam, bantu bakowethu, Wathobeleni indlebe amazwi omlomo wam.
-
2
|Salmos 78:2|
Ndiya kuwuvula umlomo wam ngomzekeliso; Ndiya kumpompozisa iintsonkotha zamandulo;
-
3
|Salmos 78:3|
Esakuvayo sakwazi, Abasibaliselayo oobawo.
-
4
|Salmos 78:4|
Asiyi kukugusha koonyana babo; Sobalisela isizukulwana esizayo iindumiso zikaYehova, Namandla akhe, nemisebenzi yakhe ebalulekileyo awayenzayo.
-
5
|Salmos 78:5|
Wamisa isingqiniso kwaYakobi, Wabeka umyalelo kwaSirayeli, Awawumisela oobawo, Ukuba bawazise oonyana babo;
-
6
|Salmos 78:6|
Ukuze siwazi isizukulwana esizayo, oonyana abaza kuzalwa, Basuke babalisele ababo oonyana;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jeremías 49-50