-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Salmos 76:9|
Ekusukeni kukaThixo ukuba agwebe, Abasindise bonke abalulamileyo behlabathi. (Phakamisani.)
-
10
|Salmos 76:10|
Ngokuba ubushushu bomntu buya kuba ngumbulelo kuwe; Uya kuwabhinqa amasalela obushushu.
-
11
|Salmos 76:11|
Bhambathisani, nisizalise isibhambathiso kuYehova uThixo wenu; Bonke abamngqongileyo mabeze nezithabathaba kofanele kukoyikwa.
-
12
|Salmos 76:12|
Uya kunqumla ukufutha kweenganga, Uyoyikeka kookumkani behlabathi.
-
1
|Salmos 77:1|
Kumongameli. KuYedutun. Eka-Asafu. Umhobe. Izwi lam lisingisa kuThixo, ndikhala; Izwi lam lisingisa kuThixo, ukuba andibekele indlebe.
-
2
|Salmos 77:2|
Ngemini yokubandezelwa kwam ndiquqela eNkosini yam; Isandla sam solukile ebusuku, asaqoba; Awavuma ukuthuthuzeleka umphefumlo wam.
-
3
|Salmos 77:3|
Ndikhumbula uThixo, ndincwine; Ndithelekelele, utyhafe umoya wam. (Phakamisani.)
-
4
|Salmos 77:4|
Uzibambile iinkophe zamehlo am, Ndikhandiwe, andaba nakuthetha.
-
5
|Salmos 77:5|
Ndicinga ngemihla yamandulo, Iminyaka yasephakadeni;
-
6
|Salmos 77:6|
Ndiya kukhumbula ebusuku ukubetha kwam uhadi; Ndithetha nentliziyo yam, uphengulula umoya wam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jeremías 49-50