-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Salmos 75:9|
Ke mna ndiya kushumayela ngonaphakade, Ndiya kuvuma kuThixo kaYakobi;
-
10
|Salmos 75:10|
Zonke iimpondo zabangendawo ndiya kuzixakaxa, Iimpondo zelungisa ziya kuphakanyiswa.
-
1
|Salmos 76:1|
Kumongameli; eyokubethelwa ngezinto ezineentambo. Umhobe ka-Asafu. Ingoma. Waziwa kwaYuda uThixo, Likhulu kwaSirayeli igama lakhe.
-
2
|Salmos 76:2|
Umnquba wakhe waba seSalem, Nekhaya lakhe eZiyon.
-
3
|Salmos 76:3|
Wayaphula apho imibane yesaphetha, Ingweletshetshe, nekrele, nezixhobo zemfazwe. (Phakamisani.)
-
4
|Salmos 76:4|
Ukhanyile, uyingangamsha ngaphezu kweentaba zokuqwenga.
-
5
|Salmos 76:5|
Babhunyulwe abantliziyo iyimbalasane, Balala umlala kanye, Akazifumana izandla zawo onke amakroti.
-
6
|Salmos 76:6|
Ekukhalimeni kwakho, Thixo kaYakobi, Kwasindwa bubuthongo iinqwelo zokulwa namahashe.
-
7
|Salmos 76:7|
Unguwena wena woyikekayo; Ngubani na onokuma phambi kwakho, wakuba nomsindo?
-
8
|Salmos 76:8|
Emazulwini usivakalisile isigwebo; Loyika ihlabathi, lazola,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jeremías 49-50