-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Salmos 77:7|
Ndithi, Iya kundihlamba ngonaphakade na iNkosi yam, Ingabi saphinda iphathe ngetarhu na?
-
8
|Salmos 77:8|
Iphele yaphela na inceba yayo? Sigqibele na isithembiso sayo kwisizukulwana ngesizukulwana?
-
9
|Salmos 77:9|
UThixo ukulibele na ukubabala? Uyivingcele ngomsindo kusini na imfesane yakhe? (Phakamisani.)
-
10
|Salmos 77:10|
Ndide ndithi ke, Sisifo sam esi; Yiminyaka yesandla sokunene sOsenyangweni.
-
11
|Salmos 77:11|
Ndikhankanya izenzo ezincamisayo zikaYehova; Ngokuba ndikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo yamandulo.
-
12
|Salmos 77:12|
Ndicamanga ngako konke ukusebenza kwakho, Ndithelekelele ngezenzo zakho zonke ezincamisayo.
-
13
|Salmos 77:13|
Thixo, isebungcweleni indlela yakho; Ngubani na onguthixo omkhulu njengoThixo wethu?
-
14
|Salmos 77:14|
UnguloThixo, wenza ngokubalulekileyo; Wawazisa amandla akho ezizweni,
-
15
|Salmos 77:15|
Wabakhulula ngengalo abantu bakho, Oonyana bakaYakobi noYosefu. (Phakamisani.)
-
16
|Salmos 77:16|
Akubona amanzi, Thixo, Akubona amanzi, azibhija-bhija, Ewe, agungqa amanzi enzonzobila;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jeremías 49-50