-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Salmos 85:9|
Inene, usindiso lwakhe lusondele kwabamoyikayo, Ukuze luhlale uzuko ezweni lakowethu.
-
10
|Salmos 85:10|
Kuya kuqubisana inceba nenyaniso, Kuya kwangana ubulungisa noxolo.
-
11
|Salmos 85:11|
Inyaniso iya kuntshula emhlabeni, Ubulungisa buqondele busemazulwini.
-
12
|Salmos 85:12|
Kananjalo uYehova uya kusinika okulungileyo, Ilizwe lethu lisinike indyebo yalo.
-
13
|Salmos 85:13|
Ubulungisa buya kuhamba phambi kwakhe, Buyigqale ngentliziyo indlela yokunyathela kwakhe.
-
1
|Salmos 86:1|
Umthandazo kaDavide. Thoba indlebe yakho, Yehova, ndiphendule, Ngokuba ndilusizana, ndilihlwempu.
-
2
|Salmos 86:2|
Wugcine umphefumlo wam, ngokuba ndingowenceba; Msindise, wena Thixo wam, umkhonzi wakho, Lo ukholose ngawe.
-
3
|Salmos 86:3|
Ndibabale, Nkosi yam, Ngokuba ndidanduluka kuwe yonke imini.
-
4
|Salmos 86:4|
Wuvuyise umphefumlo womkhonzi wakho, Ngokuba umphefumlo wam ndiwuphakamisela kuwe, Nkosi yam;
-
5
|Salmos 86:5|
Ngokuba ulungile wena, Nkosi yam, uxolela; Umkhulu ngenceba kubo bonke abakunqulayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 9-11