-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Salmos 86:6|
Wubekele indlebe umthandazo wam, Yehova, Ulibazele indlebe izwi lokutarhuzisa kwam.
-
7
|Salmos 86:7|
Ngemini yokubandezelwa kwam ndinqula wena, Ngokuba uya kundiphendula.
-
8
|Salmos 86:8|
Akukho unjengawe, Nkosi yam, phakathi koothixo; Akukho zenzo zinjengezakho.
-
9
|Salmos 86:9|
Zonke iintlanga owazenzayo ziya kuza ziqubude phambi kwakho, Nkosi yam, Zizukise igama lakho.
-
10
|Salmos 86:10|
Ngokuba umkhulu, wenza imisebenzi ebalulekileyo, UnguThixo wena wedwa.
-
11
|Salmos 86:11|
Ndiyalele, Yehova, indlela yakho, Ndihambe ngenyaniso yakho; Yibandakanye intliziyo yam ukuba ndiloyike igama lakho.
-
12
|Salmos 86:12|
Ndiya kubulela kuwe, Nkosi yam, Thixo wam, ngentliziyo yonke, Ndilizukise igama lakho ngonaphakade:
-
13
|Salmos 86:13|
Ngokuba inceba yakho ibe inkulu kum; Wawuhlangula umphefumlo wam kwelingaphantsi labafileyo.
-
14
|Salmos 86:14|
Thixo, abakhukhumali basukele phezulu kum; Ibandla labanobungqwangangqwili lifuna umphefumlo wam; Abakumisi wena phambi kwabo.
-
15
|Salmos 86:15|
Ke wena, Nkosi yam, unguThixo onemfesane, onobabalo, Ozeka kade umsindo, omkhulu ngenceba nenyaniso.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 9-11