-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Salmos 84:11|
Ngokuba ulilanga, uyingweletshetshe uYehova uThixo, UYehova uyababala azukise; Abahamba ngokugqibeleleyo akabavimbi nto ilungileyo.
-
12
|Salmos 84:12|
Yehova wemikhosi, Hayi, uyolo lomntu okholose ngawe!
-
1
|Salmos 85:1|
Kumongameli; eyoonyana bakaKora. Umhobe. Yehova, wabe unetarhu kwilizwe lakho. Ububabuyisa abathinjwa bakaYakobi;
-
2
|Salmos 85:2|
Ububuxolela ubugwenxa babantu bakho, Ubuziselela zonke izono zabo. (Phakamisani.)
-
3
|Salmos 85:3|
Ubuwufinyeza umsindo wakho ophuphumayo, Ububuya ekuvutheni komsindo wakho.
-
4
|Salmos 85:4|
Sibuyise, Thixo ongumsindisi wethu, Uyisuse ingqumbo yakho kuthi.
-
5
|Salmos 85:5|
Uya kusiqumbela ngonaphakade na? Umsindo wakho uya kuwolulela kwizizukulwana ngezizukulwana na?
-
6
|Salmos 85:6|
Akuyi kubuya usiphilise na, Abantu bakho bavuye ngawe?
-
7
|Salmos 85:7|
Sibonise inceba yakho, Yehova, Siphe usindiso lwakho.
-
8
|Salmos 85:8|
Mandive oko aya kukuthetha uThixo, uYehova; Hayi, uthetha uxolo kubantu bakhe nakwabakhe benceba; Mabangabuyeli ke ekunyabeni kwabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Zacarías 9-11