-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Salmos 92:9|
Ngokuba uyabona, iintshaba zakho, Yehova, Ngokuba uyabona, iintshaba zakho ziva kutshabalala; Baya kuchithwa-chithwa bonke abasebenzi bobutshinga.
-
10
|Salmos 92:10|
Uyaluphakamisa uphondo lwam njengolwenqu; Ndigalelwe ioli entsha.
-
11
|Salmos 92:11|
Iliso lam liyababonela abandilalelayo, Indlebe yam iyabeva abasukela phezulu kum benobubi.
-
12
|Salmos 92:12|
Amalungisa aya kudubula njengesundu, Aya kukhula njengomsedare weLebhanon.
-
13
|Salmos 92:13|
Etyelwe nje endlwini kaYehova, Aya kutyatyamba ezintendelezweni zoThixo wethu.
-
14
|Salmos 92:14|
Aya kuhluma eselenezimvi, Aya kuba etyebile, eluhlaza;
-
15
|Salmos 92:15|
Ukuze axele ukuba uthe tye uYehova, Uliwa lam, kungekho bugqwetha kuye.
-
1
|Salmos 93:1|
UYehova ungukumkani, uzambathise ubungangamsha; UYehova uzambathise, ubhinqe, amandla; Lizinzile ke elimiweyo, alinakushukunyiswa.
-
2
|Salmos 93:2|
Kususela koko, izinzile itrone yakho; Kususela kwaphakade, ukho wena.
-
3
|Salmos 93:3|
Imilambo iphakamisile, Yehova, Imilambo iphakamise isandi sayo, Imilambo iphakamise ingxolo yayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3