-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
2
|Salmos 18:2|
Yehova, ngxondorha yam, mboniselo yam, msindisi wam, Thixo wam, liwa lam endizimela ngalo, Ngweletshetshe yam, luphondo losindiso lwam, ngxonde yam!
-
3
|Salmos 18:3|
Ndinqula uYehova ongowokudunyiswa, Ndiyasindiswa ezintshabeni zam.
-
4
|Salmos 18:4|
Izintya zokufa zandijikela; Imilambo yobutshijolo yandidandathekisa.
-
5
|Salmos 18:5|
Izintya zelabafileyo zandibhijela; Izirhintyelo zokufa zabetha kum.
-
6
|Salmos 18:6|
Ekubandezelekeni kwam ndanqula uYehova, Ndazibika kuThixo wam; Waliva etempileni yakhe izwi lam, Ukuzibika kwam kwafika phambi kwakhe ezindlebeni zakhe.
-
7
|Salmos 18:7|
Lahexa ke lanyikima ihlabathi, Iziseko zeentaba zagungqa, Zahexa, ngokuba enomsindo.
-
8
|Salmos 18:8|
Kwathi thaphu umsi emathatheni akhe, Wadla umlilo, uphuma emlonyeni wakhe, Kwavutha amalahle ephuma kuwo.
-
9
|Salmos 18:9|
Wawathoba amazulu, wehla, Yangamafu amnyama phantsi kweenyawo zakhe.
-
10
|Salmos 18:10|
Wakhwela ekerubhini, waphaphazela, Wee tshwebelele ngamaphiko omoya.
-
11
|Salmos 18:11|
Wamisa ubumnyama baba lisithe lakhe, umnquba wakhe ngeenxa zonke kuye; Ubumnyama bamanzi, iingqimba zamafu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 6-8