-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
32
|Salmos 18:32|
UloThixo undibhinqise ubukroti, Uyigqibelelisileyo indlela yam;
-
33
|Salmos 18:33|
Uzifanisayo iinyawo zam nezamaxhamakazi, Undimisayo emimangweni yam:
-
34
|Salmos 18:34|
Uzifundisayo ukulwa izandla zam, Zityede isaphetha sobhedu iingalo zam.
-
35
|Salmos 18:35|
Undinikileyo ingweletshetshe yosindiso lwakho: Sandixhasa isandla sakho sokunene; Ululamo lwakho lwandikhulisa.
-
36
|Salmos 18:36|
Wawenzela indawo ebanzi amanyathela am phantsi kwam, Amaxhwele am akahexa.
-
37
|Salmos 18:37|
Ndazisukela iintshaba zam, ndazifumana; Andabuya zada zaphela.
-
38
|Salmos 18:38|
Ndaziqoba; azaba nakuvuka, Zawa phantsi kweenyawo zam.
-
39
|Salmos 18:39|
Wandibhinqisa ubukroti ekulweni, Wabaguqisa phantsi kwam abasukela phezulu kum;
-
40
|Salmos 18:40|
Wandinika ikhosi leentshaba zam, Abandithiyayo ndababhangisa.
-
41
|Salmos 18:41|
Bazibika, akwabakho msindisi; Bazibika kuYehova, akabaphendula.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 5-7