-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
12
|Salmos 19:12|
Ukulahleka, ngubani na okuqondayo? Ndenze msulwa kokusitheleyo.
-
13
|Salmos 19:13|
Kwanasekukhukhumaleni mnqande umkhonzi wakho; Makungandilawuli; ukuze ndandule ukuba ngogqibeleleyo, Ndibe msulwa ekukreqeni okukhulu.
-
14
|Salmos 19:14|
Makakholeke amazwi omlomo wam, nezicamango zentliziyo yam, Phambi kwakho, Yehova, liwa lam, mkhululi wam.
-
1
|Salmos 20:1|
Kumongameli. Umhobe kaDavide. Ngamana wakuphendula uYehova ngemini yembandezelo, Ngamana lakusa engxondeni igama likaThixo kaYakobi!
-
2
|Salmos 20:2|
Wakuthumela uncedo lwasengcweleni, Wakuxhasa eseZiyon!
-
3
|Salmos 20:3|
Wayikhumbula yonke iminikelo yakho yokudla, Wawafumana etyebile amadini akho anyukayo! (Phakamisani.)
-
4
|Salmos 20:4|
Wakunika ngokwentliziyo yakho, Walizalisa lonke icebo lakho!
-
5
|Salmos 20:5|
Singamemelela ngosindiso lwakho, Siphakamise iibhanile zethu egameni loThixo wethu; Azizalise uYehova zonke izicelo zakho.
-
6
|Salmos 20:6|
Ndiyazi ngoku ukuba uYehova ngumsindisi womthanjiswa wakhe; Uya kumphendula emazulwini akhe angcwele Ngobugorha obusindisayo besandla sakhe sokunene.
-
7
|Salmos 20:7|
Abanye bakhankanya iinqwelo zokulwa, abanye bakhankanye amahashe, Ke thina sikhankanya igama likaYehova uThixo wethu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 5-7