-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Salmos 21:9|
Uya kubenza babe njengeziko lomlilo, wakubonakala. UYehova uya kubaginya ngomsindo wakhe, Nomlilo ubadle.
-
10
|Salmos 21:10|
Uya kusitshabalalisa isiqhamo sabo emhlabeni, Imbewu yabo koonyana babantu.
-
11
|Salmos 21:11|
Ngokuba bakuthobela ububi, Bacinga iyelenqe; abayi kufeza nto.
-
12
|Salmos 21:12|
Ngokuba uya kubenza bakunikele umhlana; Ngesaphetha sakho uya kuxuna iintolo zakho ebusweni babo.
-
13
|Salmos 21:13|
Phakama, Yehova, ngamandla akho; Siya kuvuma sibethe uhadi ngobugorha bakho.
-
1
|Salmos 22:1|
Kumongameli: ngeyelexhama lesifingo. Umhobe kaDavide. Thixo wam, Thixo wam, undilahleleni na? Ukude ngani na ekusindisweni kwam, nasemazwini okubonga kwam?
-
2
|Salmos 22:2|
Thixo wam, ndiyabiza emini, ungaphenduli; Nasebusuku ndiyabiza, andithozanyiswa noko.
-
3
|Salmos 22:3|
Ungcwele ke wena, Ungulohlala ezindumisweni zakwaSirayeli.
-
4
|Salmos 22:4|
Oobawo bakholosa ngawe, Bakholosa, wabasiza;
-
5
|Salmos 22:5|
Bakhala kuwe, basinda; Bakholosa ngawe, abadana.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 5-7