-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Salmos 22:16|
Ngokuba izinja zindirhawule, Ibandla labenzi bokubi lindingungele; Bagqobhoza izandla zam neenyawo zam.
-
17
|Salmos 22:17|
Ndinokuwabala onke amathambo am; Bona bayandijonga, bayandibonela,
-
18
|Salmos 22:18|
Babelana ngeengubo zam, Isambatho sam basenzela amaqashiso.
-
19
|Salmos 22:19|
Ke wena, Yehova, musa ukuba kude; Mandla am, khawuleza undincede.
-
20
|Salmos 22:20|
Wuhlangule ekreleni umphefumlo wam, Okuphela kwawo, ethupheni lenja.
-
21
|Salmos 22:21|
Ndisindise emlonyeni wengonyama, Nasezimpondweni zenqu uya kundiphendula.
-
22
|Salmos 22:22|
Ndiya kulazisa igama lakho kubazalwana bam, Ndikudumise phakathi kwebandla, ndithi,
-
23
|Salmos 22:23|
Nina nimoyikayo uYehova, mdumiseni; Nonke, mbewu kaYakobi, mzukiseni, Nimhlonele nina, mbewu yonke kaSirayeli.
-
24
|Salmos 22:24|
Kuba azidelekanga, azibanga nazothe kuye iintsizi zolusizana; Akabusithelisanga ubuso bakhe kuye; Ekuzibikeni kwakhe kuye waphulaphula.
-
25
|Salmos 22:25|
Ivela kuwe indumiso yam ebandleni elikhulu; Nezibhambathiso zam ndiya kuzizalisa phambi kwabamoyikayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 1-4