-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
26
|Salmos 22:26|
Baya kudla abalulamileyo, bahluthe; Baya kudumisa uYehova abamngxamelayo. Ngamana yaphila intliziyo yenu ngonaphakade!
-
27
|Salmos 22:27|
Ziya kukhumbula zibuyele kuYehova zonke iziphelo zehlabathi, Iqubude phambi kwakhe yonke imizalwane yeentlanga:
-
28
|Salmos 22:28|
Ngokuba bobukaYehova ubukumkani, Nguye umlawuli ezintlangeni.
-
29
|Salmos 22:29|
Baya kudla, baqubude, bonke abatyebileyo behlabathi; Baya kuguqa phambi kwakhe bonke abatshona eluthulini, Abangawugciniyo umphefumlo wabo.
-
30
|Salmos 22:30|
Imbewu iya kumkhonza; Kuya kubaliselwa isizukulwana ngayo iNkosi.
-
31
|Salmos 22:31|
Baya kuza baxele ubulungisa bayo Kubantu abaza kuzalwa, ukuba oko ukwenzile.
-
1
|Salmos 23:1|
Umhobe kaDavide. UYehova ngumalusi wam, andisweli lutho.
-
2
|Salmos 23:2|
Wenza ukuba mandibuthe emakriweni aluhlaza; Undithundezela emanzini angawokuphumla.
-
3
|Salmos 23:3|
Uyawubuyisa umphefumlo wam; Undikhaphela ezindleleni zobulungisa ngenxa yegama lakhe.
-
4
|Salmos 23:4|
Nokuba ndihamba emfuleni wethunzi lokufa, Andiyi koyika bubi, ngokuba unam wena; Intonga yakho, umsimelelo wakho, uyandithuthuzela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 1-4