-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
2
|Salmos 116:2|
Ngokuba endithobele indlebe yakhe, Ndiya kumnqula ngemihla yam yonke.
-
3
|Salmos 116:3|
Izintya zokufa zandijikela, Iingxingongo zelabafileyo zandifumana, Ndafunyanwa ziimbandezelo nesingqa la.
-
4
|Salmos 116:4|
Ndanqula ke igama likaYehova, ndathi, Yehova, ndiya kukhunga, siza umphefumlo wam.
-
5
|Salmos 116:5|
UYehova unobabalo, ulilungisa, UThixo wethu unemfesane.
-
6
|Salmos 116:6|
Ngumgcini wabazizidenge uYehova; Ndandiswele, wandisindisa.
-
7
|Salmos 116:7|
Buyela ekuphumleni kwakho, mphefumlo wam, Ngokuba uYehova ukuphatha kakuhle;
-
8
|Salmos 116:8|
Ngokuba ewuhlangule umphefumlo wam ekufeni, Iliso lam ezinyembezini, Unyawo lwam ekungqulekeni.
-
9
|Salmos 116:9|
Ndiya kuhamba-hamba phambi koYehova Emazweni abaphilileyo.
-
10
|Salmos 116:10|
Ndiyakholwa, xa ndithethayo; Mna ndicinezelekile kunene.
-
11
|Salmos 116:11|
Ndathi mna ekuphakuzeleni kwam, Bonke abantu ngamaxoki.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10