-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Salmos 118:1|
Bulelani kuYehova, ngokuba elungile, Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
-
2
|Salmos 118:2|
Makathi uSirayeli, Ingunaphakade inceba yakhe.
-
3
|Salmos 118:3|
Mayithi indlu ka-Aron, Ingunaphakade inceba yakhe.
-
4
|Salmos 118:4|
Mabathi abamoyikayo uYehova, Ingunaphakade inceba yakhe.
-
5
|Salmos 118:5|
Ndabiza uYehova ndisengxingongweni; Wandiphendula uYehova, wandibeka endaweni ebanzi.
-
6
|Salmos 118:6|
UYehova ungakum, andoyiki; Angandenza ntoni na umntu?
-
7
|Salmos 118:7|
UYehova ungakum ngokundinceda; Ndiya kubona mna kwabandithiyayo.
-
8
|Salmos 118:8|
Kulungile ukuzimela ngoYehova, Ngaphezu kokukholosa ngomntu.
-
9
|Salmos 118:9|
Kulungile ukuzimela ngoYehova Ngaphezu kokukholosa ngamanene.
-
10
|Salmos 118:10|
Zingafanelana zonke iintlanga zindirhawule: Egameni likaYehova inene ndozinqumla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10