-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Salmos 118:11|
Zingafanelana zindirhawule zandirhawula: Egameni likaYehova inene ndozinqumla.
-
12
|Salmos 118:12|
Zingafanelana zindirhawule njengeenyosi: Zocinywa njengomlilo weentsasa; Egameni likaYehova inene ndozinqumla.
-
13
|Salmos 118:13|
Undityhale ngamandla wena ukuba ndiwe; Kodwa uYehova wandinceda.
-
14
|Salmos 118:14|
Iqhayiya lam nengoma yam nguYehova, Waba lusindiso kum.
-
15
|Salmos 118:15|
Izwi lokumemelela nelosindiso lisezintenteni zamalungisa, lisithi, Isandla sokunene sikaYehova siyeyisa;
-
16
|Salmos 118:16|
Isandla sokunene sikaYehova siphakamile; Isandla sokunene sikaYehova siyeyisa.
-
17
|Salmos 118:17|
Andiyi kufa, ndiya kudla ubomi, Ndibalise ngezenzo zikaYehova.
-
18
|Salmos 118:18|
UYehova undithethise kakhulu, Ke akandinikela ekufeni.
-
19
|Salmos 118:19|
Ndivuleleni amasango obulungisa; Ndiya kungena ngawo, ndiya kubulela kuYehova.
-
20
|Salmos 118:20|
Nali isango likaYehova, Amalungisa angena ngalo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10