-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
62
|Salmos 119:62|
Ndivuka phakathi kobusuku, ndibulele kuwe, Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho.
-
63
|Salmos 119:63|
Ndilidlelane labo bonke abakoyikayo, Nelabazigcinayo iziyalezo zakho.
-
64
|Salmos 119:64|
Inceba yakho, Yehova, izalise ihlabathi; Ndifundise imimiselo yakho.
-
65
|Salmos 119:65|
Umenzele okulungileyo umkhonzi wakho, Yehova, ngokwelizwi lakho.
-
66
|Salmos 119:66|
Ndifundise, ndibe nemvo nokwazi okulungileyo, Ngokuba ndikholwa yimithetho yakho.
-
67
|Salmos 119:67|
Ndingekacinezelwa, ndaye ndilahleka; Kungoku ndiyigcinile intetho yakho.
-
68
|Salmos 119:68|
Ulungile wena, ulungisa; Ndifundise imimiselo yakho.
-
69
|Salmos 119:69|
Abakhukhumali bathungele ubuxoki ngam; Mna ndizibamba ngentliziyo yonke iziyalezo zakho.
-
70
|Salmos 119:70|
Ithe fithi kukutyeba intliziyo yabo; Ke mna ndiziyolisa ngomyalelo wakho.
-
71
|Salmos 119:71|
Kundilungele okokuba ndacinezelwayo, Ukuze ndiyifunde imimiselo yakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10